Home / AmaMpondo / Inkosi u Phondolwendlovu Zanembeko Ndamase born 18 June 1951
Phondolwendlovu Zanembeko Ndamase, born 18 June 1951

Inkosi u Phondolwendlovu Zanembeko Ndamase born 18 June 1951

Phondolwendlovu Zanembeko Ndamase, born 18 June 1951Ngalemini: 18 KweyeSilimela

Kuzalwa Inkosi u Phondolwendlovu Zanembeko Ndamase unyana ka Kumkani wamaMpondo aseNtshona eNyandeni u Tutor Nyangelizwe Vulindlela Ndamase nowakwakhe, HRH Jessie Thandiwe Zulu, owazalwa siSilo samaZulu u King Solomon ka Dinuzulu.

INKOSI u Phondolwendlovu uzalwa ne Nkosi u Makaziwe Ndamase utata weKumkani yamaMpondo aneNtshona kungoku nje u Kumkani u Ndamase Ndamase, kunye no Princess Feziwe Ndamase [Queen Nondwe Inkosikazi ka Kumkani u Xolilizwe Mzikayise SIGCAWU wesizwe samaXhosa, kuma Gcaleka], kunye ne Nkosi u Zwelicacile Ndamase, no Princess Caciswa Ndamase, no Princess Boniswa Hombisa Ndamase, no Princess Dr. Kanyiswa Lizeka Ndamase.

INKOSI u Phondolwendlovu yona yasishiya ngonyaka 2001, isishiya inababantwana:
HRH Princess Nombongo Ndamase &
HRH Prince Mlimandlela Mandlezulu Ndamase

HRH Inkoisi u Mlimandlela Ndamase uthi “On this day in 1951, iSilo esikhulu saseNyandeni, uVulindlela eziy’ezulwini neziya esihogweni, irhamba elimdaka elisel’emhlanga zekuhluth’amarhuba, kuhluth’iNyanda. umfene ka madala ndiyayi hlinza iyandi hleka kunye neNkosikazi yakomkhulu uMaghebe, intombi kaKumkani uSolomon ka Dinizulu yesizwe samaZulu. Isilo sakwa Dlamahlahla balizwa ngonyana, uPondolwendlovu Zanembeko Ndamase. uMzukulwana ka Mlimandlela wentsimi zikaMandela, ezayidla amazantsi zayidla amantla. Wayelindwe ngubani, wayelinde ngunozililo. uZil’izindlu zamarhundasi kuba efuna uhlala kwezabelungu. uham ham ke sitsheketshe. uZenimlumkele magqobhoka uyadlisa naseKofini.

Happy Birthday iNkosi/Adv. Phondolwendlovu ‘Ntabayitshi’ Ndamase… 1951-06-18 to 2001 -0Ayitshi’lentaba!”

Comments

comments