Home / Poetry / Izingane zooMa (by Xolile Mgijima)
Xhosa mother and child, (Umama Nomntwana) SL_2009_DUGGANCRONIN

Izingane zooMa (by Xolile Mgijima)

Xhosa mother and child, (Umama Nomntwana) SL_2009_DUGGANCRONIN-16Thina sizingane zooMa

Thina sizingane zomama beAfrika

Thina sizingane zeendlezanekazi, intw’ezimibele mid’ebhonxe kunene

Siyinzala yezikhukukaz’ezimaphik’amabalabala,

Iimbelukazi zesizwe, imidak’emihle kunene

Siyinzala yomama besintu oomama bakwaNtu

Thina sizingane Zooma

Thina sizingane zomama

Sizingane zamaqhawekazi  iinkokheli zelizwe,

Izisele zenyathi eziphuphuma lulwazi nemfundiso

Int’ezifunde zade zayityekeza eyaseAfrik’imfundo

Int’eziyazi ukusuka nokuhlala imbali yomdak’omnyama

ooNolwazi kaloku kuba bayincanca lento koonina

ooNtozonke bizamna ndikuncede

Thina sizingane Zooma

 

Ibhonxil’imibele nzalandini kaNtu

Walamba nj’imibel’ivuza kutheni?

Wagodola nj’amaphik’esikhukukaz’ekhona kutheni?

Wamkhanyel’unyoko nje kutheni?

Wahamb’ucel’amalizo nje kutheni?

Wazibiz’impula kaluJaca nj’unomzali kutheni?

Owu! Yhini na mliselandini kaAfrika

Yhini na mthinjanandini  kaNtu

Walahl’imbo yakho ngophoyiyana nje kutheni?

Thina sizingane zooMa

 

Vuka thongorhandini kusile

Vuka vilandini kusile

Wabeth’ithatha nj’emini emaqanda kutshaphi?

Yimfundiso yaphi na le kakhongozela

Wancanc’umbel’esaqhaga senkom’enqoma nje kutheni?

Uz’ungalibali k’ukuba lent’iyinkomo yenqoma yintseng’ibheka

Kazi bakuyithath’abaniniyo wosala nani na?

Vuka Afrika kusile

Thina sizingane zooMa

 

Owu! Koda kubenini sizw’esimnanyama?

Koda kubenini siziimpumputhela?

Koda kubenini sivum’iingoma zoluny’uhlanga

Koda kubenini sikhwaz’umdali weentlanga?

Siluhlanga lunin’olungavani nobuhlanga balo?

Siluhlanga lunin’olungafun’ukwazi ngemvelaphi yalo?

Buya nzalandini kaAfrik’unyok’ukulindile

Thina sizingane zooMa

Thina sizingane zoooMa

Comments

comments

Check Also

Ziphin’iinkomo zobawo madoda – Xolile Mgijima

Koda kubenini mawethu, koda kubenini zidwesha nani zidweshakazi?Koda kubenini mlisela nomthinjana kaNtu? Yhini na sabukela ...