Home / Poetry (imibongo) / Ukuwa kuka Nkwenkwezi – by Thandokazi Mayo

Ukuwa kuka Nkwenkwezi – by Thandokazi Mayo

UKUWA KUKANKWENKWEZI - by Thandokazi MayoEli libali lesibhabhakabhaka

Xa sifathula kwisithokothoko sobumnyama

Xa sikhumbula ubushushu bentomb’ yakwaNtu

UNkwenkwezi-uNkazimulo wasekhaya

Sithi isibhakabhaka xa sibalisa:

 

Wayesakuba likhaya lokukhany’,

Ubumnyama bumakhele umkhany’,

EnguNkazimlo wasemazulwini,

Esazulwini sesibhakabhaka,

Ezinzulwini zobumnyama,

Eqhakazela’ ngokungathi uyaqhayisa

Engumqhele ohombis’ isibhakabhaka

Egubungele izulu ngobungangamsha

Ukukhanya kwakhe kughabadele

Kubugubungel’ Ubumnyama

Elinyange lokukhaya

Xa ekhona bekholwa, baghiye abakhoyo.

 

Suka wagonana nobumnyama,

Bamkrintyela ngamazw’ amnandi

Okwa maz’ olwandle

Nezethembiso ezingenasiphelo

Suk’  wakudela ukufudumala kwesibhakabhaka

Inqgondo yakhe yathinjwa bubutshivela

Waphuphumala yiminqweno engenye

Wanqwenela umqwebedu

Wanga angamnye nobumnyama

 

Sancwina

Sacweng’ sibhakabhaka

 

Engaqondanga, waqabuk’

Sebumhlubul’ ukuqaqamba

Bobuqaqawuli bakhe

Buzama ukucima ubuciko bobugqhi bakhe

Suka wabonakala njengoqaqadekileyo

Nodel’ ikhaya!

 

Suk’ imilingo yakhe

yayingoma yabalingi

Ubuqaqawuli bakhe

Babasisiqalekiso

Ukuqhakaza kwakhe

Kwaphandla abaphehli

Yaw’ inkwekwezi enkulu

Yesibhakabhaka

 

Yantlitheka

Yantluphuka

Yantliphinika

Iphehluzeliswa zintlungu

Inomvambo womvandedwa

 

Sancwina

Sacenga

Sazila

Salila

Sacamaghusha isibhakaka

 

Kuba sashiyeka size

Sighutyungelwe bubumnyama

Intombi yokukhany’ ingenakufunyanwa

 

Zakuxakwa zivakala zoxokozela

Zikhwaz’ ezinye iinkwenkwezi

Uwile uNkwenkwezi!

Uwile Unkazimlo!

Haz’ba inini na imini yokuvuswa kwakhe?!

 

KwaNti,

Apho’ iintliziyo ezinganeliyo zingamakhoboka khona

Embilini yolwandle lokulibala

Kwantliziyo ndise

Ungaz’ undixhel’ xhala

Apho bahlinzwa

bahlazwe

Bahlafunwe khona

Oonkwenkwezi belilizwe

Yena uyavakala esebeza:

NdinguNkwenkwezi

Ikhaya lam lisesibhakabhakeni

Ubuqawuqawul’  bam bohlala buqhakaza!

“Eyona mbangi yokuba ndimbhale yilangoma KaSimphiwe Dana ayicula noMthwakazi, yas’ke yangathi kum ndiyamazi loNkwenkwezi, yaye uwile, kungoko ke ndiye  ndabhala ‘Ukuwa kuka Nkwenkwezi!

Thandokazi Mayo

 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

Time limit is exhausted. Please reload the CAPTCHA.